Iinjongo zokuFunda nezeMethalitherasi

Uphuhliso lwaBafundi abaMethalithereyithi

Kukho iinjongo ezine zabafundi abamethalithereyithi, yaye injongo nganye ibandakanya iinjongo zokufunda ezininzi. Ngeli lixa inxalenye yeenjongo zemethalitherasi zivakalisa imigaqo yolwazi lokufunda ekudala yaxatyiswa, ezinye zintsha, yaye ziqaqambisa okusingqongileyo kwezolwazi lwale mihla. Uninzi lweenjongo zokufunda zinabela ngaphaya kwemfundo yolwazi yesiqhelo, yaye zibonelela ngeziphumo ezingasetyenziswa kwiimeko zokufunda ezininzi nezahlukileyo.

Ukufunda kwemethalitherasi kunamacandelo amane: ukuziphatha (ekufanele ukuba abafundi bakwazi ukwenza emva kokugqiba ngempumelelo imisebenzi yokufunda—izakhono, ubuchule), okwengqondo (ekufanele ukuba abafundi bakwazi/babe nolwazi ngako emva kokugqiba ngempumelelo imisebenzi yokufunda—ukuqonda, ukucwangcisa, ukwenza, ukuhlalutya), okwemvakalelo (utshintsho kovakalelo okanye isimo sengqondo sabafundi ngokunxibelelana nemisebenzi yokufunda), kunye nokwengqondo kwizinga eliphezulu (abakucingayo abafundi malunga nokucinga okanye iingcinga zabo—ukuqonda okuhlalutya ukuba kutheni befunda yaye bafunda njani, abakwaziyo kunye nook bangakwaziyo, oko bahleli bekwazi okanye bekuqonda ngendlela yabo, kunye nokuba baqhubeka njani ukufunda).  Injongo yokufunda nganye elapha ngezantsi ilungela udidi olunye okanye ngaphezulu kula achaziweyo, yaye iphawulwe ngolo hlobo (B ngowokuziphatha, C ngowengqondo, A ngowovakalelo, M ngowokuqonda okukwizinga eliphezulu).

Ezi njongo zokufunda ziyakuqonda ukuba “abafundi” abamethalithereyithi, njengoko bebizwa njalo apha, kufuneka baqhubeke befunda, ngenxa yemo yolwazi ehleli itshintsha ngokukhawuleza. Abafundisi nabafundi banganakho ukukhawulelana nezi njongo ngendlela ezahlukileyo, ngokuxhomekeka kwimeko yokufunda, bekhetha kwimenyu yemisebenzi yokufunda. Iinjongo ziqulunqwe ngokubanzi, ukuze zihlale zifikeleleka ngokwezigaba, ziveliswe kwakhona, yaye zifikeleleke kwimeko ezahlukileyo.

Injongo 1: Hlalutya ngenkuthalo umxholo ngeli lixa uhlalutya indlela ozibona ngayo izinto njengesiqu

  1. Qinisekisa ubuchwephesha kodwa uqonde ukuba zikhona ingcali. (A, C)
  2. Qonda ukuba umxholo awusoloko uveliselwa izizathu ezisemthethweni okanye ezisesikweni, yaye umkhethe oselubala okanye ofihlakeleyo ukhona. (C)
  3. Hlalutya ukuba uziva njani ngolwazi okanye imeko yolwazi ukuze uqwalasele iimbono ezininzi. (A, M)
  4. Khangela ngengqiqo ulwazi kwiimbono nemithombo emininzi. (B)
  5. Fumanisa ukuba injongo yomthombo, uhlobo loxwebhu, nendlela yokukhutswa ilichaphazela njani na ixabiso lemeko ethile. (B, C)
  6. Fumanisa umahluko phakathi kwamanqaku omhleli nembono esekwe kuohando, ube uqonda ukuba ixabiso neenkolelo ziqulethwe kulo lonke ulwazi. (C)
  7. Fumanisa ixabiso lolwazi olusesikweni nolwazi olungekho sikweni oluvela kwimithombo eyohlukeneyo ye-intanethi, kubafundi abakwizinga eliphezulu okanye iimfuna-lwazi, noluveliswe ngabasebenzisi neeOERs. (C)
  8. Hlalutya ulwazi oluveliswe ngabasebenzisi kwiimeko zamakhasi onxibelelwano yaye ukwazi ukwahlula phakathi kwembono neenyani. (B, C)
  9. Hlalutya yaye uhlabe amadlala ulwazi oluvela kuyo yonke imithombo, kuquka nomxholo otshintshatshintshayo ojikeleza kwi-intanethi. (B)
  10. Fumanisa ukuba uziva njani malunga nolwazi ekunikezwa ngalo kwanokuba oku kuyichaphazela njani impendulo yakho. (A, M)

Injongo 2: Nxibelelana nepropati eveliswe ngobuchule bengqondo ngokwemigaqo esesikweni nangendlela enenkathalo

  1. Yahlula phakathi kokuvelisa ulwazi lwemveli nokuxuba umxholo ovulelekileyo onelayisenisi. (C)
  2. Zicele umngeni uqulunqe iindlela zokwenza ukuze wakhe phezu kwengcamango okanye iimbono zabanye ofumanisa zikunika umdla yaye zikuthabathekisa. (A, M)
  3. Qwalasela ukuba ungayinxumelelanisa njani ngendlela esebenzayo nesesikweni ipropati yokusebenza kwengqondo yomnye umntu kwezakho iimveliso zemveli nezixutyiweyo. (M)
  4. Velisa ngenkathalo yaye wabelane ngolwazi lwemveli kwaye uxube ngokusesikweni utshintshe nokumila komxholo ovulelekileyo onelayisenisi. (B)
  5. Yahlula phakathi kolwazi lesiqu nolwazi lukawonkewonke yaye wenze izigqibo ezinolwazi nezisesikweni malunga nokwabelana ngokufanelekileyo ngolwazi kwi-intanethi. (C)
  6. Yahlula phakathi kweelayisenisi ze-copyright, ze-Creative Commons, nezivulelekileyo ekuvelisweni nasekunikezelweni kwelayisenisi yomxholo wemveli nomxholo otshintshwe ukumila. (B, C)
  7. Phawula yaye ulandele okulindelekileyo ekuchazeni umnini wepropati yokusebenza kwengqondo kwimeko leyo usebenza kuyo. (B, C)

Injongo 3: Velisa yaye wabelane ngolwazi kwiimeko zokusebenzisana nezokuthatha inxaxheba

  1. Zibone wena njengomvelisi kwanomsebenzisi wolwazi. (A, M)
  2. Thatha inxaxheba ngengqiqo nangokusesikweni kwiimeko zokusebenzisana. (B)
  3. Khusela ubumfihlo besiqu yaye ukhusele ngenkuthalo ulwazi lwakho lwe-intanethi. (B, C)
  4. Yabelana ngolwazi ngokuchanekileyo nangendlela esebenzayo ngokuvelisa umxholo usebenzisa amaqonga nohlelo olufanelekileyo nolutshintshayo. (B)
  5. Guqula ulwazi olunikezwe ngendlela ethile uluse kwenye indlela ukuze ukhawulelane neemfuno zabaphulaphuli okanye abafundi abathile. (B, C)
  6. Qaphela ukuba abafundi bakwangabo ootishala yaye bafundisa oyaziyo okanye bayafunda kwiimeko zokusebenzisana. (A, B, C)
  7. Hlalutya uhlabe amadlala yaye uqinisekise umxholo oveliswe ngumsebenzisi kwaye uwusebenzise ngokufanelekileyo ekuveliseni ulwazi olutsha. (B, C)
  8. Qwalasela okubalulekileyo kwezamasiko nemithetho eyohlukileyo ukuze wakhe yaye wabelane ngolwazi nabaphulaphuli behlabathi. (B, C)

Injongo 4: Phuhlisa amaqhinga okufunda ukukhawulelana neenjongo zokuphila ubomi bakho bonke nezobuchwephesha

  1. Qaphela ukuba ukufunda yinkqubo yaye ukuqwalasela kwiimpazamo kukhokelela kwiimbono ezintsha nokufumanisa okutsha. (M)
  2. Hlalutya ukufunda ukuze ufumanise ulwazi olufunyenweyo nezithuba ekuqondeni (C, M)
  3. Qaphela ukuba ukucinga okuhlaba amadlala kuxhomekeke kulwazi ngento leyo kwanokufuna ngenkuthalo ulwazi olunzulu ngokubuza nokuphanda. (A, B, C, M)
  4. Kuxabise ukuzingisa, ukuziqhelanisa, nokuba yimvoco ekufundeni kubomi bakho bonke. (M)
  5. Ziqhelanise neemeko zokufunda ezintsha yaye ube yimvoco ngokubhekisele neendlela zokukhawulelana nokufunda ezahlukileyo. (A, B)
  6. Ziqhelanise yaye uqonde iitekhnoloji ezintsha kwanefuthe ezinalo ekufundeni. (A, B)
  7. Nxibelelana yaye usebenzisane ngendlela enempumelelo kwiimeko ekwabelwano ngazo ukuze ufunde kwiimbono ezahlukileyo. (B, C)
  8. Nxulumana nokufunda okunolwazi, okuqhuba ngokwakho nokukhuthaza ukubona ihlabathi ngendlela ephangaleleyo ngokufikelela kwezehlabathi kwemo yamaqonga onxibelelwano yale mihla. (B, M)
  9. Sebenzisa ukufunda okumethalithereyithi njengento yokwenziwa nokuxatyiswa ubomi bonke. (M)

Ngokwentsusa iveliswe ngabathathi-nxaxheba ababandakanyeka kwiNkxaso-mali yeTekhnoloji yokuFundisa enoBuchule ye-SUNY, (SUNY Innovative Instruction Technology Grant, Developing a SUNY-wide Transliteracy Learning Collaborative to Promote Information and Technology Competencies for the 21st Century), esekwe kwiinjongo ezikwi-Mackey and Jacobson, Reframing Information Literacy as a Metaliteracy, C & RL, 72.1 January 2011 http://crl.acrl.org/content/72/1/62.full.pdf+html

Michele Forte (Empire State College), Trudi Jacobson (University at Albany), Tom Mackey (Empire State College), Emer O’Keeffe (University at Albany), and Kathleen Stone (Empire State College)

Abanye Abanegalelo: Richard Fogarty (University at Albany), Brian Morgan and Kim Davies-Hoffman (SUNY Geneseo), Jennifer Ashton and Logan Rath (SUNY Brockport), Carleen Huxley (Jefferson Community College), and Nancy E. Adams (Penn State Hershey)

Ingcebiso ngokukowuta:

Jacobson, T., Mackey, T., O’Brien, K., Forte, M., & O’Keeffe, E. (2018). 2018 metaliteracy goals and learning objectives. Metaliteracy. https://metaliteracy.org/learning-objectives/2018-metaliteracy-goals-and-learning-objectives/